- To
-
- From
-
Siyamcela Bongoza
- Subject
- Ubango lo Mhlaba
- Date
- July 21, 2024, 9:42 a.m.
Mhlekazi obekekileyo (Mr M. Nyhontso)
Sesineminyaka engaphaya kwama 30 silinde isiqinisekiso sobunikazi bomhlaba (title deed)
Kudala sisiwa sivuka sizama ukunxibelelana nabo baphetheyo kwelisebe, ingakumbi abo balapha e Mpumakoloni koko sibuya nelize.
Ukugqibela kwethu ukufumana uncedo, sagqibela kumphathiswa utata u Gugile Nkwinti, nguye owasincedayo ngokuthi abhalele abo babephethe kwicala lezemihlaba apha ephondweni. Emva kwembalelwano yakhe nabo, satsho safumana isinxephezelo (compensation) kurhulumente, ze kwathiwa kuzolandela i tayitile
Oko sasilinde lo tayitile.
Uninzi lwabantu ababefake ubango lalo mhlaba ngo 1998 sebatshaba, sekushiyeke utata omnye kuphela, kwaye semdala kakhulu uleqa ikhulu le minyaka (100 years)
Singabantu abatsha bale lali, sicela usincede Mphathiswa u Nyhontso, ngoba sifuna ukuwusebenzisa umhlaba wethu koko sibanjwe yile tayitile.
Kudala sibhalela kula East London, nakula Bisho koko zonke inzame zethu zibuya nelize, akubikho nditsho ne mpendulo
Siyayazi Mphathiswa okobana yonke i South Africa ifuna ukuncedwa nguwe kodwa sicela okobana nathi esethu isicelo, sibekwe kwezo zingxamisekileyo
Igama le bango ngu : Vinqishe, Mbelo.
E Dutywa (Eastern Cape)
Enkosi kakhulu
Future replies will be published here.